Bulelani kuYehova lyrics

Want a t-shirt with your clans? click here to make your order on Whatsapp

Bulelani kuYehova lyrics - Lundi 

Bulelani kuYehova,
Kuba elungile;
Kuba ububele baKhe
Bubobaphakade.

M' atsho amaSirayeli,
Iindlu zawo zonke,
Athi, ububele bakhe
Bubobaphakade.

Ndamemeza kuYehova,
Ndandisengxingw­eni;
Wandinceda wandibeka
Endawen' ebanzi.

Ingecala lam inKosi,
Andisokoyika;
Ingasuka ithi ni na
Le nto umntu kumi?

Ingecala lam inKosi,
Iya kundinceda;
Indincede ngokumnandi
Kwabandithiyayo­.

Ukuthemba uYehova,
Nokuphepha ngaYe,
Kuko okulungileyo;
Kungathenjwa bantu.

Ma ndisinde ngaWe nKosi
Undisikelele!
Ma ndiphumle ngaWe nKosi
Undithamsanqele­. Amen
Bayede!

Previous Post Next Post