Thixo ulilanga lethu song lyrics

Want a t-shirt with your clans? click here to make your order on Whatsapp

Thixo ulilanga lethu song lyrics 

Thixo ulilanga lethu
Uyakhanya phezu kwethu;
Umphefumlo ungabona
Apho uhambela khona

Thixo ulikhaka lethu
Asoyik’ iintshaba zethu;
Zonke ziya songwa nguwe,
Soza ngokonwaba kuwe.

Wosiphatha ngobubele,
Wosunika ubungcwele;
Wopha abakukhonzayo
Okuthamsanqelekayo.

Ithamsanqa elikhulu
ithamsanqa elezulu
Likho kothembayo kuwe;
Ngokuba ethandwa nguwe

Amen

Bayede!

Previous Post Next Post